Jeremiah 51:59 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ilizwi u‐Jeremiya umprofite wamyalelayo u‐Seraya, unyana ka‐Neriya, unyana ka‐Mahaseya, akusuka ku‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda ukuya e‐Babilone, ngowesine umnyaka wobukumkani bake. Kekaloku u‐Seraya ebeyinkosi yokupumla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwi awathi uYeremiya umprofeti wamwisela umthetho ngalo uSeraya, unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, ekuyeni kwakhe noZedekiya ukumkani wakwaYuda eBhabheli, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe; uSeraya lo engumtshayeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwi awathi uYeremiya umprofeti wamwisela umthetho ngalo uSeraya, unyana kaNeriya, unyana kaMahaseya, ekuyeni kwakhe eBhabheli noZedekiya ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe; Ke uSeraya lo ke ebeyinkosana ezolileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nali ilizwi *umshumayeli uJeremiya awamwisela umthetho ngalo uSeraya, uNyana keNeriya, unyana kaMaseya, xa wayesiya eBhabheli kunye noZedekiya ukumkani wakwaJuda ngonyaka wesine wolawulo lwakhe. USeraya lo wayengumphathiswa wokulungiselela iindawo zokuphumla abahambi.