Jeremiah 51:62 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uya kwandula uti: Yehova! utetile wena ngakuyo lendawo ukuyitshabalalisa, ukuba kungabiko ohlala kuyo, kwa nomntu nesilo, kodwa ibe yingcitakalo engunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingamiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze uthi, Awu, Yehova, uthethe kakubi ngale ndawo ukuba uyitshabalalise, ingasali kuyo, kungasali mntu, kuthabathele nenkomo; yona iya kuba yintlango ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uthi: ‘Ndikhoyo, uthethile ngale ndawo, usithi uza kuyitshabalalisa, ingabi samiwa mntu, kungabi sabakho namfuyo kuyo, koko ibe ngamanxuwa ngonaphakade.’