Jeremiah 51:64 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wauya kuti: Iya kwenje njalo ukuntywila i‐Babilone, ingabuyi isuke elishweni endilizisa pezu kwayo; babeya kudinwa. Kude kube lapa ngamazwi ka‐Jeremiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uthi, Iya kwenjenje iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi, ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona, batyhafe. Aze ema apha amazwi kaYeremiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuthi, Iya kutsho ke iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona; kwaye baya kudinwa. Amazwi kaYeremiya asamile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uthi: ‘Iya kwenjenje iBhabheli ukutshona, ingaphinde iphume, ngenxa yobubi mna Ndikhoyo endiya kuyihlisela bona. Abemi bayo bafumene babulaleka ilize.’ ” Aphela apha amazwi kaJeremiya.