Jeremiah 51:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Besiya kupilisa i‐Babilone, kodwa ayipiliseki: yishiyeni, masiye abanye ngabanye kwelakowabo ilizwe; ngokuba ukugwetywa kwayo kufikela ezulwini, kupakanyiselwe nasesibakabakeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi, Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili; yishiyeni, sihambe siye elowo ezweni lakowabo; ngokuba ityala layo lifike emazulwini, liphakamele esibhakabhakeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngesiyinyanga iBhabheli, ayiphiliswanga; Makahambe, elowo aye ezweni lakowabo; ngokuba isigwebo sakhe safika emazulwini, samphakamisa, sasinga ezulwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kothiwa: ‘Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili. Masiyishiye, elowo ahambe aye ezweni lakowabo, kuba ityala layo logwetywa emazulwini, liphakame laya kutsho phezulu.