Jeremiah 52:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EBEYIMINYAKA imashumi mabini anamnye u‐Zedekiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hamutali, intombi ka‐Jeremiya, owase‐Libena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya, waseLibhena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuqala kwakhe ukulawula uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena.