Jeremiah 52:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waudula wamfamekisa amehlo ka‐Zedekiya, wamnxiba ngamakamandela obedu; waza ukumkani we‐Babilone wamsa e‐Babilone, wamfaka entolongweni kwada kwangumhla wokufa kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wacinywa amehlo kaZedekiya; yaye ukumkani waseBhabhiloni wamkhonkxa ngemixokelelwane waza wamsa eBhabhiloni waza wamfaka entolongweni de kwayimini yokufa kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena uZedekiya wamtyhaphaza amehlo, waza wamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, ukuze asiwe eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.