Jeremiah 52:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nentloko pezu kwayo, yona ibiyixina; nobupakamo benye intloko, ibizikubite ezintlanu, inesetyenzwa elipanjanisiweyo, negranate pezu kwentloko ngokungqonga, zonke ziyixina: kanjalo eyesibini intsika negranate zibe zinjengazo ezi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ingqukuva yayo ibiyeyobhedu, ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintlanu; umnatha neerharnate bezisengqukuveni ngeenxa zonke; yonke loo nto yabe ilubhedu. Intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye neerharnate.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kukho intloko yobhedu phezu kwayo; ukuphakama kwentloko enye bekuziikubhite ezintlanu, intloko ephothiweyo nezithsaba ezijikelezileyo, zazezobhedu. Ikholamu yesibini kunye neziqhushumbisi zazinje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intloko nganye elubhedu ibiziimitha ezimbini ezinesithathu ukuphakama. Yayihonjiswe jikelele ngomnatha wobhedu nangeerharnati zobhedu. Ewe, zombini zazifana, nditsho kwaneerharnati ezo.