Jeremiah 52:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuso isixeko yatabata umbusi, lowo obeligosa pezu kwamadoda okulwa; namadoda asixe̔nxe kwabo babebona ubuso bokumkani, abefunyanwa esixekweni; nomba̔li wenkosi yomkosi, owahlanganisa abantu belizwe emfazweni; namadoda angamashumi matandatu kubo abantu belizwe, abefunyanwa pakati kwesixeko:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, owayengumveleli wamadoda okulwa, namadoda asixhenxe kuwo abebona ubuso bokumkani, awafunyanwa phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obehlaba umkhosi kubantu belizwe, namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathabatha ithenwa phakathi komzi, umthetheli wamadoda okulwa; kwafunyanwa amadoda asixhenxe kukumkani phakathi komzi; nonobhala wamatyala, owabahlanganisayo abantu belizwe; namadoda angamashumi amathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha injengele yomkhosi kunye nesixhenxe samaphakathi akomkhulu abhaqwe esixekweni. Yamthatha nonobhala wenjengele yomkhosi owayeligosa eliyintloko elalatha abomkhosi, kunye nabantu abangamashumi amathandathu ababeselapho esixekweni.