Jeremiah 52:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute ngowamashumi matatu anesixe̔nxe umnyaka wokutinjwa kwake u‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngowamashumi mabini anesihlanu umhla wenyanga, wati u‐Evili‐merodaki ukumkani we‐Babilone, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bake, wapakamisa intloko ka‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, wamku̔pa entolongweni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesihlanu enyangeni leyo, uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokuthinjwa kukaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesihlanu enyangeni leyo, uEvili-merodaki, ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe. Waba ngukumkani phezu kwentloko kaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesihlanu kwinyanga yeshumi elinambini.