Jeremiah 52:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngomnyaka wesitoba wobukumkani bake, ngenyanga yeshumi, ngoweshumi umhla wenyanga, weza u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, yena nayo yonke impi yake, ngakuyo i‐Yerusaleme, bayiṙaula; baza baka inqaba zokulinda ngakuyo ngento engqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, yena nempi yakhe yonke, wayirhawula, wayakhela inqaba yokubonisela ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngonyaka wesithoba wolawulo lwakhe, ngenyanga yeshumi, ngomhla weshumi enyangeni leyo, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni wayihlasela iYerusalem nomkhosi wakhe wonke waza wayingqinga waza wakha iinqaba ngokuchasene nayo ukujikeleza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke kwathi kunyaka wethoba wolawulo lukaZedekiya, ngomhla weshumi wenyanga yeshumi, ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wagaleleka eJerusalem nomkhosi wakhe uphela. Bamisa ngaphandle kwesixeko, basakhela iindonga zokuhlasela.