Jeremiah 52:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sandula isixeko sagqojozelwa, ati onke amadoda okulwa esaba, apuma esixekweni ngobusuku, ngendlela yesango pakati kwendonga zimbini, elingasemyezweni wokumkani; ngokuba ama‐Kaledine ebengakuso isixeko ngokungqonga: aye ehamba ngendlela yetafa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi);abamba ngendlela yaseArabha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabhujiswa ke umzi, asaba onke amadoda anobukroti, aphuma phakathi komzi ebusuku ngesango eliphakathi kweendonga zombini ezisemyezweni wokumkani; Yaye amaKaledi ayekufuphi isixeko ngeenxa zonke, kwaye waqhubeka entlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku amaKaledi alugqobhoza udonga lwesixeko, waza umkhosi wonke waseJerusalem wasaba ngobusuku, wemka ngendlela edlula ngasemyezweni kakumkani, waphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, wabalekela entilini yeJordan. Ngelo xesha amaKaledi ayesasingqingile isixeko.