Jeremiah 52:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bambamba ukumkani, bamnyusela kuye ukumkani we‐Babilone, e‐Ribela, elizweni le‐Hamati, owateta imigwebo pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke bambamba ukumkani baza bamzisa kukumkani waseBhabhiloni eRibhela kwilizwe laseHamati; apho wamgweba khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza yena wabanjwa. Wathathwa wasiwa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni laseHamati, owathi yena walithetha ityala lakhe wamgweba.