Jeremiah 6:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ndizele bubuṙalaṙume bukayehova, ndidiniwe kukunyamezela; ndobugalela pezu kwabantwana ngapandle, napezu kwesihlelo samadodana kunye: okunene kwa nendoda nomfazi baya kubanjwa, omdala nalowo uzeleyo yimihla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba.Buphalazele phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ndizele ngumsindo kaYehova; Ndidiniwe kukuzibamba, ndiyiphalazele phezu kwabantwana abangaphandle nebandla labafana kunye;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo. Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe. “Yibhodlele kubantwana ezitalatweni, nakubafana ezimbuthweni. Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi. Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.