Jeremiah 6:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo, bonke bebawela inzuzo engalungileyo; kanjalo kwa kuye umprofite kude kube kuye umperisite, bonke bayenza ngobuxoki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa; baqalela kumprofeti ukuya kumbingeleli, bonke bephela benza ngenkohliso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kususela koyena uphantsi umntu, kuse kwabona baphakamileyo, xa bebonke basemva kwenzuzo. Kwanabashumayeli, nababingeleli ngabakhohlisi xa bebonke.