Jeremiah 6:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Yimani ezindleleni, nikangele, nibuzele imizila yakudala, ipina ke indlela elungileyo, nihambe kuyo, naniya kufumanela imipefumlo yenu ukwonwaba. Kodwa bati: Asiyi kuhamba kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; bathi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze ngeendlela zakudala, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, yiyani kuyo, noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; Bathi ke bona, Asiyi kucanda kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Yimani eziphambukeni nikhangele, nibuzise ngomendo wamandulo, niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona, nihambe ngayo ke, ukuze nifumane inzolo emphefumlweni. Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’