Jeremiah 6:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiva, mhlaba! bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwababantu, isixakato sawabo amaqinga; ngokuba bengawapulapulanga amazwi am, nomteto wam bawulahlile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiva, hlabathi, yabona, ndisizisela intlekele esi sizwana, ewe, isiqhamo seengcinga zaso, ngenxa yokuba singawaphulaphulanga amazwi am nomthetho wam, kodwa batyekile kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phulaphula, mhlaba, ubone ishwangusha endiza kulithumela aba bantu. Sisiphumo samayelenqe abo, kuba kaloku abalinanzanga ilizwi lam – andisathethi ke ngomyalelo wam abawubukuleyo.