Jeremiah 6:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, abantu baya kuza bevela elizweni lasenode, isizwe esikulu siya kuvuswa emacaleni omhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Yabonani, kuya kuvela uhlanga lwasentla, uhlanga olukhulu luya kubonakala ekupheleni kwehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nâlo uhlanga oluvela ngasentla, isizwe esinamandla esixhokonxwe lee emalandalahla.