Jeremiah 7:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko hambani ke niye endaweni yam ebise‐Shilo, apo ndamisa kona igama lam ekuqaleni, nibone oko ndakwenza kuyo ngenxa yenkohlakalo yabantu bam o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke yiyani endaweni yam eShilo, apho ndilibeke khona kuqala igama lam, nize nibone oko ndakwenzayo khona ngenxa yobubi babantu bam amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Khanenjenjeya, niye eShilo apho lalinqulwa khona igama lam mandulo. Niya kuyibona into endayenza yona loo Shilo ngenxa yobugwenxa babantu bam amaSirayeli.