Jeremiah 7:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abantwana bayateza inkuni, noyise bayapemba umlilo, nabafazi bayabuca intlama, ukwenza izonkana kukumkanikazi wezulu, nokutululela otixo bambi iminikelo yokusela, ukuze bandiqumbise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu;bathululele thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana baphatha iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu, bathululele thixweni bambi ngesiselo, ukuze bandiqumbise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantwana bayatheza, ooyise baphembe, abafazi bona baxove intlama yokwenzela ukumkanikazi wesibhakabhaka amaqebengwana. Bongezelele ukundidela ngokunikela ngeminikelo ethululwayo *koothixo basemzini. Ngayo yonke loo nto bayandixhokonxa.