Jeremiah 7:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yima esangweni lendlu kayehova, ushumayele kona elilizwi, uti: Yivani ilizwi likayehova, nonke nina bakwa‐Juda! abangenayo ngalamasango ukuza kubedesha uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yima esangweni lendlu kaYehova, umemeze khona eli lizwi, uthi, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda angenayo ngala masango, ukuba nimnqule uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yima esangweni lendlu kaYehova, udanduluke khona apho, uthi, Liphulaphuleni ilizwi likaYehova, nonke nina maYuda angenayo ngezi ngcango ukuba anqule uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yiya emasangweni endlu kaNdikhoyo, ufike udanduluke uthi: Nali ilizwi likaNdikhoyo; liveni nina bantu bakwaJuda abangena ngala masango ukuza kunqula uNdikhoyo.