Jeremiah 7:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko lento ndabendibayalela ngayo, ndisiti: Pulapulani ilizwi lam, ndandiya kuba ngutixo wenu, noti nina nibe ngabantu bam: kanjalo hambani kuyo yonke indlela endiya kuniyalela ngayo, ukuze kulunge kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam:ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nantsi into endibawisele umthetho ngayo: Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam; hambani ngeendlela zonke endiniwisele umthetho ngazo, ukuze nibe nempumelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’