Jeremiah 7:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abapulapula noko, abatoba indlebe yabo kanjako, kodwa bahamba ngamacebo na ngobulukuni bentliziyo yabo ekohlakeleyo, baya ngomva, benga yanga ngapambili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abaphulaphulanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba ngamaqhinga, ngobungqola bentliziyo yabo embi, bandinikela umhlana, ayaba bubuso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa abazange baphulaphule yaye abazange bazinqumle iindlebe zabo, kodwa bahamba ngamacebo neengcinga zentliziyo yabo embi baza babuya umva, ababheka phambili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke bona abandiphulaphulanga; abandihoyanga kwaphela. Basuka baba nenkani, benza amaqhinga beqhutywa yinkohlakalo yeentliziyo zabo, babuya umva endaweni yokuqhubela phambili.