Jeremiah 7:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba uwateta kubo onke lamazwi, abayi kupulapula kuwe noko; nakuba ubizayo kubo, abayi kusabela kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uya kuwathetha kubo la mazwi onke, abayi kukuphulaphula;umemeza kubo, abayi kusabela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, baxelele onke la mazwi; abavuma ukukuphulaphula; kwaye ubabize; kodwa abayi kukuphendula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ungawathetha kwaba bantu onke la mazwi, kodwa abasoze bakuve; ungababiza, kodwa abasoze basabele.