Jeremiah 7:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo lwakile indawo ezipakamileyo zase‐Tofete, esesihlanjeni sonyana ka‐Hinome, ukuba lutshise onyana balo nentombi zalo emlilweni; into endingayiyalelanga, nengangenanga entliziyweni yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakhe iziganga zaseTofete, ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo ngomlilo; into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakha iindawo eziphakamileyo zaseTofete, kwintlambo yonyana kaHinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo ngomlilo; into endingabawiselanga mthetho ngayo, ibingathanga qatha entliziyweni yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Benze isibingelelo ekuthiwa yiTofeti kulaa ntili kaBhen-hinom, khon' ukuze apho benze amadini ngoonyana neentombi zabo, babatshise. Andizange ndibayalele njalo; andizange ndikucinge nokukucinga oku.