Jeremiah 7:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ingasayi kubizwa ngokuti yi‐Tofete, nesihlambo sonyana ka‐Hinome, koko iya kubizwa ngokuti sisihlambo sobulalo; ngokuba beya kuncw̔aba e‐Tofete, kude kungabi sabiko indawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi yiTofete, ngumfula wakwaBhen-hinom; baya kuthi nguMfula wokuBulala, bangcwabele eTofete ngenxa enokuba kungekho ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi yiTofete, ngumfula wakwaBhen-hinom; ngokuba baya kungcwatyelwa eTofete, ngokungabikho ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa liyeza ixesha xa ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko ibizwe ngokuba yiNtili yeNtshabalalo, kuba kongcwatywa kude kuphele umhlaba,