Jeremiah 8:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ndiya kunika abafazi babo kwabanye, n amasimi abo kwabaya kuwafuya; ngokuba kwa kuye omncinane kude kube kuye omkulu, bonke bebawele inzuzo engalungileyo; kwa kuye umprofite kude kube kuye umperisite, bonke bayenza ngobuxoki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanikele kwabawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela babawa bebawile;bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanike abawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela bazinikele kwabasweleyo, bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngenkohliso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke abafazi babo ndiza kubanikela kwamanye amadoda, ngokunjalo nemihlaba yabo ndiyinikele kwabanye abantu. Kaloku xa bebonke aba bantu, kususela koyena uphantsi kuse kophezulu, basemva kwenzuzo. Abashumayeli nababingeleli bangamamenemene athanda inzuzo ngondlela-mnyama.