Jeremiah 8:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bebedanile na, ngokokuba benzile into eyintshontsho? Abake badana nakanye, abakwazi nokuva intloni: ngako oko baya kuwa pakati kwabo abawayo: ngexesha lokwohlwaywa kwabo boku̔beka, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo, ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka;utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; ewe, babengenazintloni konke konke kwaye babengenazintloni; ke ngoko baya kuwa phakathi kwabawayo; ekuveleni kwabo baya kutshabalala, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zizinto ezingenazo neentloni! Naxa zenze amanyundululu azibi nalo nonyungu olu. Ngoko ke baza kuwa nabawileyo, bakhubeke mhla ndibohlwayayo.” Utsho uNdikhoyo.