Jeremiah 8:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndogqibela ukubabubisa, utsho uyehova; akuyi kubako idreyive pezu kwomti weveyine, namakiwane pezu kwomkiwane, kwa igqabi liya kubuna; n ento ndibanikile zona ziya kumka kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubatshayela impela, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni; igqabi liya kubuna; ndisuke ndimise abo baya kugqitha phezu kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubatshabalalisa ngenene, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni, amagqabi aya kubuna; kwaye izinto endibanike zona ziya kudlula kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiya kubaqokelela abantu bam, ndixele umlimi ovunayo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Boba njengomdiliya ongenaziqhamo, nomthi ongenamakhiwane, oseluvuthuluke nkqu namagqabi la. Ewe, ndobanikezela kwabanye.”