Jeremiah 8:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yinina ukuba sisahlala? Zihlanganiseni, siye singene ezixekweni ezinqatyisiweyo, siti tu kona; ngokuba uyehova, utixo wetu, esenzile siti tu, wasiseza amanzi enyongo; ngokuba sonile ngakuye uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sihlaleleni na? Zihlanganiseni, singene emizini enqatyisiweyo, sitshabalale khona; ngokuba uYehova uThixo wethu uza kusitshabalalisa, asiseze inyongo; ngokuba sonile kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sihlaleleni na? zihlanganiseni, singene emizini enqatyisiweyo, sizole khona; ngokuba uYehova uThixo wethu usithumbile, wasiseza ngamanzi anetyhefu; ngokuba sonile kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Sisahlalele ntoni?” Kubuza abantu. “Masihlangane siye kufela kwizixeko ezinqatyisiweyo kube kanye. Kaloku uNdikhoyo uThixo wethu selesigwebele ukufa ngokusinika amanzi anetyhefu, kuba simonile.