Jeremiah 8:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsori ayiko na e‐Gileyadi? umpilisi akako na apo? kunganina ngoko ukuba akubuyiswanga ukupila kwentombi yabantu bam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho mafutha aqholiweyo na eGiliyadi? Akukho gqirha na khona? Kutheni na ke ukuba kungabotshwa ukwaphuka kwentombi yabantu bakowethu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho mafutha aqholiweyo na eGiliyadi? akukho gqirha apho? Kutheni na ukuba impilo yentombi yabantu bakowethu ingalungi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba akusekho yeza na eGiliyadi? Akusekho gqirha na khona? Ngani banganyangwa nje abantu bakowethu?