Jeremiah 8:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KANJAKO uya kuti kubo: Utsho uyehova ukuti: Baya kuwa, bangesuki na? baya kupambuka, bangabuyi na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa, bangavuki na? Uya kuphamba, angabuyi na umntu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye uya kuthi kubo, ‘Utsho uYehova; Ngaba baya kuwa baze bangavuki? Uya kuthi gu bucala, angabuyi na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yithi kubo: Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Xa umntu ewile, kanene akabuyi avuke na? Xa ebephambukile, akabuyi ayilande indlela?