Jeremiah 8:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa iṙaside emazulwini iyazi amaxesha ayo amisiweyo; kanjalo izuba, nenkonjane, nendwe, ziyagcina ixesha lokufika kwazo; kodwa abantu bam abazi isigwebo sikayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo;nehobe nehlankomo nendwe ziligcinile ixesha lokufika kwazo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, impungutye ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo; nogwali, nogwali, nogwali, baligqale ixesha lokufika kwabo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nditsho nengwamza le ibhabh' emafini iyalazi ixesha lokujika. Iinkonjane, amahlankomo, nkqu nendwe le, iyalazi ixesha lokufuduka, kodwa bona abantu bam abazani nezithethe zam.