Jeremiah 9:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiya kuhlabela isililo nesikalo ngenxa yentaba, nesijwili ngenxa yamaṙiwa entlango; ngokuba zitshisiwe, kungeko namntu odlulayo; akuvakali ilizwi lenkomo; kwa nentaka zezulu nezilo zibalekile, zimkile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwe isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, alavakala izwi lemfuyo;kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuphakamisa isikhalo nesikhalo phezu kweentaba, ndikhale phezu kwamakriwa entlango, ngenxa yokuba etshisiwe, kungabikho ugqithayo kuwo; kodwa abantu abanakuliva izwi lenkomo; iintaka zezulu neenkomo zasaba; abasekho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna ndiza kugixa, ndililele iintaba, ndizile, kuba amadlelo atshile, akusekho bani uhamba kuwo, akusanxakami nankomo. Iintaka zibalekile, neenyamakazi zimkile.