Jeremiah 9:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ilizwi lesikalo livakala livela e‐Ziyone: Hai ukucitakaliswa kwetu! sidanile kakulu; ngokokuba sishiyile ilizwe, ngokokuba bewisile intlalo zetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ilizwi lesimema livakala liphuma eZiyon, lisithi, Hayi, ukubhuqeka kwethu! Sidane kakhulu, kuba silishiyile ilizwe, kuba bewakhahlele phantsi amakhaya ethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ilizwi lokulila livakele liphuma eZiyon, lisithi: Hayi indlela esonakalisa ngayo! sidanile, ngokuba silishiyile ihlabathi, ngokuba izakhiwo zethu zisigxothile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phulaphulani, isililo sivela eZiyon sisithi: ‘Awu! Safa saphela! Hayi, ihlazo esikulo! Salishiya ilizwe lakowethu; izindlu zethu zidiliziwe.’ ”