Jeremiah 9:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
AKWABA ndabendinayo entlango indawo yokulalisa yabahambi! ukuba ndibashiye abantu bam, ndimke kubo: ngokuba bengabo abaṙexezi bonke, intlanganiso yabenzayo ngenkohliso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akwaba bendinendawo yokulalisa kwabahambi entlango; bendiya kubashiya abantu bakowethu, ndimke kubo! Ngokuba bonke ngabakrexezi, yingqungquthela yamanginingini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akwaba bendinendlu yabaphambukeli entlango; Ndiya kubashiya abantu bam, ndibashiye! ngokuba bonke ngabakrexezi, libandla labahenyuzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akwaba bekukho indawo entlango yokulalisa abahambi, ngendiwashiya amawethu, ndimke, bengabakreqi nje, imbutho yabangathembekanga.