Jeremiah 9:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ukufa kunyukele ezifenstileni zetu, kungenile ezingxandeni zetu; kusika intsapo ngapandle, n amadodana ezitarateni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba kunyukile ukufa ngeefestile zethu; kungene ezingxandeni zethu ezinde, ukuba kunqumle abantwana ezitratweni, amadodana endaweni yembutho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ukufa kungene ngeefestile zethu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukufa kuthubeleze ngeefestile kwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo; kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni, kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.