Jeremiah 9:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko lowo uqa̔yisayo makaqa̔yise ngoku, ukuba andiqonde andazi mna, ukuba ndi nguyehova, owenza ububele, nobugwebo, nobulungisa, emhlabeni; ngokuba ezizinto ndizitanda, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oqhayisayo makaqhayise ngale nto yokuba endiqiqa, endazi mna ukuba ndinguYehova, owenza inceba, nesiko, nobulungisa, ehlabathini; ngokuba ndinanze ezo zinto; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oqhayisayo ke makaqhayise ngako oko, ukuze andicacisele, endazi mna ukuba ndinguYehova, owenza inceba, nesiko, nobulungisa, ehlabathini; kuba ndiyakholiswa koku,” utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda; kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni, nokulungileyo, nobulungisa. Nazo ke izinto ezindikholisayo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.