Jeremiah 9:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
o‐Jipete, no‐Juda, no‐Edome, nosapo luka‐Hamoni, no‐Mowabi, nabo bonke abanqunyulwe amancam odevu, abahlala entlango; ngokuba zonke ezi zizwe zingabangalukileyo, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli ingabangalukileyo ngentliziyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
amaYiputa, namaYuda, namaEdom, noonyana baka-Amon, namaMowabhi, noonquthula-iinwele, abemi entlango; ngokuba zonke iintlanga zingabangalukileyo, nendlu yonke yakwaSirayeli ingalukile ngentliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
amaYiputa, nakwaYuda, namaEdom, noonyana baka-Amon, namaMowabhi, neendawo zonke ezimiyo entlango; kuba zonke ezi ntlanga azalukanga, yaye yonke indlu kaSirayeli ayilukanga ngentliziyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kuwohlwaya amaJiputa, namaJuda, namaEdom, nama-Amon, namaMowabhi, kwanâbo bangabemi basentlango abanwele zichetyiweyo ezintlafunweni. Kaloku zonke ezi ntlanga enyanisweni azalukanga. Nkqu indlu kaSirayeli iyonke ayalukanga entliziyweni.”