Jeremiah 9:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bayagoba ulwimi lwabo, njeng esipeta sabo, ngobuxoki, bengenabuṙoti ngenxa yenyaniso elizweni; ngokuba bepuma kw enye inkohlakalo baye kw enye inkohlakalo, bengazanga mna, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; abaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Balutyedile ulwimi lwabo, njengesaphetha sabo, ukuba bathethe ubuxoki; kuba basuka ebubini baye ebubini, yaye mna abandazi,’ utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Iilwimi zabo zitsawula ubuxoki okwesaphetha. Ilizwe longanyelwe bubumenemene; ayikho intembeko. Basuka bongeze ububi phezu kobubi. Kodwa mna abandazi.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.