Jeremiah 9:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lumkelani omnye ngomnye umhlobo wake, ningatembeli nakomnye umzalwana; ngokuba bonke abazalwana beya kulumkisa kupela, nabo bonke abahlobo bohambahamba behleba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Elowo makamlinde ummelwane wakhe, ningamthembi umzalwana wenu; ngokuba abazalwana benu baya kunginizela elowo, elowo ummelwane wakhe ehamba enyelisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Balumkele kwa-abahlobo, ungathembi nkqu nomntakwenu lo, kuba bonke abantakwenu ngamamenemene, abahlobo bayahleba xa bebonke.