Jeremiah 9:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndobanyibilikisa ndibalinge; ngokuba ndingati nina ukwenza ngakumbi ngenxa yentombi yabantu bam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingathini na ngenxa yentombi yabantu bam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiyabanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndiya kuthini na ngentombi yabantu bakowethu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yale nto abantu bam ndiza kubahluza, ndibavavanye. Akukho ndlela yimbi ngenxa yesono sabo.