Job 1:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akubiyanga na ngokumngqonga, nangokungqonga indlu yake, nangokungqonga konke anako, ngamacala onke? Umsebenzi wezandla zake uwutamsanqele, nemfuyo yake yandile emhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke;wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubiyelwa nguwe na wena, nendlu yakhe, nento yonke awayenzayo ngeenxa zonke? Wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, banda ubutyebi bakhe ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wena umbiyele; usoloko umphahlile yena nendlu yakhe, nako konke anako. Uwuthamsanqele wonke umsebenzi wezandla zakhe, yaye nemfuyo yakhe iye isanda ngokwanda elizweni.