Job 1:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati kuye u‐Satane: Bona ke, konke anako kusesandleni sako; kupela ungoluli isandla sako pezu kwake. Wasuka wapuma u‐Satane ebusweni bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; musa nje ukubeka isandla sakho phezu kwakhe. Wemka ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.” USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.