Job 1:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sisateta esi, safika nesinye, sati: Umlilo katixo uwile ezulwini, watshisa igusha nezicaka, wazigqibela; ndikupela mna ndedwa kwosindileyo ukuza kukuxelela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla;kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Esathetha lo, kwabonakala omnye, wathi, Kuhle umlilo kaThixo ezulwini, watshisa impahla emfutshane nezicaka. Ndisinde ndedwa, ukuza kukuxelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eso sicaka sathi sisathetha njalo kwafika esinye isigidimi, sathi: “Zonke iigusha zakho ngokunjalo nabelusi zibethwe ngumbane zafa; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”