Job 1:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kekaloku bona ke, umoya omkulu wavela pesheya kwentlango, wabeta imbombo zone zendlu, eyawa pezu kwabatsha abo, bada babuba; ndikupela mna ndedwa kwosindileyo ukuza kukuxelela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, wabawela abafana, bafa; Ndisinde ndedwa, ukuza kukuxelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kwaza kwasuka kwavuthuza inkanyamba, ivela ngasentlango. Isuke yadlikidla amacala omane endlu leyo, yabawela abantwana abo, bafela apho bonke; ndim ndedwa osindileyo. Ewe, ndim kuphela osindileyo ukuze ndikubikele.”