Job 1:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati: Ndizé ndapuma esizalweni sikama̔, ndizé ndobuyela kona kanjalo: nguyehova obenika, nguyehova ohlutileyo: igama likayehova malibongwe!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo;igama likaYehova malibongwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndaphuma ndedwa esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndedwa; uYehova wanika, yaye uYehova uthabathile; Malibongwe igama likaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi: “Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé. NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo. Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!”