Job 1:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku onyana bayo bahlala besenza izidlo ezindlwini zabanye ngabanye ngemihla yabo; baza batuma bamema odade babo bobatatu, ukuba beze ukutya nokusela nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo ezindlwini zabo, elowo eyimini yakhe; wathumela ukuba kubizwe oodade babo bobathathu, ukuze badle basele nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku oonyana bakaYobi babedla ngokuqokelelana benze umbhiyozo endlwini yalowo yayiyimini yakhe. Babemema noodade babo abathathu ukuza kutya basele kunye nabo.