Job 1:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute kwakuba kuzungulezisiwe imihla yezidlo ezo, wandula watuma u‐Jobi wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanikela amadini okutshiswa ngenani labo bonke; ngokuba ebesiti u‐Jobi: Kungati onyana bam bonile, bamgxeka utixo ezintliziyweni zabo. Wenje njalo u‐Jobi onke amaxesha lawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo.Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zakuzaliseka iintsuku zetheko lawo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wenyusa amadini anyukayo ngokwenani lawo; ngokuba ebesithi uYobhi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ngoko uYobhi wayesoloko ekwenza oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakuba lo mbhiyozo ujikeleze kubo bonke uYobi wayedla ngokubabiza abantwana bakhe ukuze abahlambulule. Wayevuka kusasa kakhulu, abenzele amadini atshiswayo ngabanye ngabanye. Kaloku uYobi wayesithi: “Mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba abantwana bam bonile bamtshabhisa uThixo ezintliziyweni zabo.” Wayesenjenjalo ke uYobi ngayo yonke imihla yakhe.