Job 1:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati ku‐Satane: Ugqalile na isicaka sam u‐Jobi, ukuba akuko onjengaye emhlabeni, indoda efezekileyo, elungisayo, eyoyikayo utixo, epambukayo enkohlakalweni?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuSathana, Ubonile na, umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda elilungisa, elilungisa, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi.”