Job 11:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
aze akwazise imfihlakalo zobulumko, ukuba zezipindiweyo kokukoyo! Yazi ngoko, ukuba utixo ukwenzele kulityalwe inxenye yenkohlakalo yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makakubonise iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Yazi ke ngoku ukuba uThixo akafuni kuwe ngaphezu kobungendawo bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
akhe akubonise iingontsi-ngontsi zobulumko! Kuba kambe kunzulu ukwazi kwakhe! Yiqonde into yokuba esi sohlwayo akunike sona uThixo siyalaba-laba kubutyala bakho.